بَادِرْ لَقَدْ فَاتَتْكَ الْغَنَائِمْ
Khawuleza! Amaxhoba Akugqithile
Xh
بَادِرْ لَقَدْ فَاتَتْكَ الْغَنَائِمْ
تَقَاسَمُوهَا وَأَنْتَ نَائِمْ
Khawuleza! Inene amaxhoba akugqithile
Bawaqhekezelene ngelixa ulele ubuthongo
وَلَوْ رَأَيْتَ الَّذِينَ فَازُوا
نُحْتَ كَمَا نَاحَتِ الْحَمَائِمْ
Ukuba wawubabonile abo baphumeleleyo
Ngeulile njengoko kulila amahobe
إِنْ رُمْتَ أَلَّا تَكُونَ نَادِمْ
قُمْ لِحَبِيبِ الْقُلُوبِ لَازِمْ
Ukuba unqwenela ukungaze uzisole
Vuka unamathele kuSithandwa seentliziyo
وَلَازِمِ الْبَابَ يَا مُعْنَّى
إِنَّ الْسَّعِيدَ الَّذِي يُلَازِمْ
Bambelela emnyango, mphefumlo odiniweyo
Kuba onethamsanqa ngenene ngulowo uzingisayo
مَنْ لَازِمَ الْبَابَ نَالَ قُرْبا
وَفَازَ بِالْأَجْرِ وَالْغَنَائِمْ
Lowo ubambelela emnyango ufumana ukusondela
Aphumelele umvuzo kunye namaxhoba
وَلَا تَنَمْ سَاعَةَ الْتَّجَلِّي
فَلَيْسَ يَحْظَى بِالْأَجْرِ نَائِمْ
Ungalali ngelixa lokutyhilwa koBungcwele
Kuba lowo ulele akasayi kuze awufumane umvuzo
قَدْ جَرَحَتْ قَلْبِيَ الْخَطَايَا
وَلَسْتُ أَلْقَى لَهَا مَرَاهِمْ
Izono ziyingxwelerhile intliziyo yam
Kwaye andifumani mayeza okuyiphilisa
سِوَى الْرِّضَا مِنْكَ يَا إِلَهِي
يَا وَاسِعَ الْجُودِ وَالْمَكَارِمْ
Ngaphandle kokukholiseka kwakho, Nkosi yam
Wena wobubele obubanzi nobabalo olungenasiphelo
وَقَدْ تَوَسَّلْنَا يَا إِلَهِي
بِسَيِّدِ الْعَرَبِ وَالْأَعَاجِمْ
Kwaye sicele ukusondela kuwe, Nkosi yam
NgeNkosi yama-Arabu nabo bangengawo ama-Arabu
نَبِيِّنَا الْمُصْطَفَى الْتِّهَامِي
مَنْ جَاءَ لِلْأَنْبِيَاءِ خَاتَمْ
Umprofeti wethu, oNyuliweyo, iTihami
Lowo weza njengeSitywina saBaprofeti